Acts 21:28 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
edanduluka ngokuti: Madoda, bo‐Sirayeli! ncedani. Nguye lo umntu ofundisayo bonke kuzo zonke indawo ngakubo abantu, nomteto, nalendawo; ote nakanjako wangenisa nama‐Girike etempileni, enco̔lisile lendawo engcwele.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
enkqangaza esithi, Madoda, maSirayeli, sizani. Nanku lo mntu ufundisa bonke ezindaweni zonke okuchasene nabantu, nomthetho, nale ndawo; othe ngaphezu koko wawangenisa amaGrike etempileni, wayenza inqambi le ndawo ingcwele.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
enkqangaza esithi, Madoda, maSirayeli, sizani. Nanku lo mntu ufundisa bonke ezindaweni zonke okuchasene nabantu, nomthetho, nale ndawo; othe ngaphezu koko wawangenisa amaGrike etempileni, wayenza inqambi le ndawo ingcwele.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
akhwaza esithi: “MaSirayeli, yizani! Nantsi le ndoda ihamba ithetha kakubi ngamaSirayeli, *ngomthetho kaMosis, nangendlu kaThixo, kumntu wonke. Ngoku ize kungcolisa le ndawo ingcwele ngokungenisa iintlanga kuyo.”