Acts 21:3 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku kwakubonakala i‐Kiperusi, sayishiya ngasekohlo, saselishela e‐Siriya, safikela emhlabeni e‐Tire: ngokuba bekulapo inqanawa ibiya kutula umtwalo wayo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Sithe sakuthi thu ke eSipro, sayishiya ngasekhohlo, saya ngomkhombe kwelaseSiriya, saphuma eTire; kuba umkhombe ubuya kuyithula apho impahla.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke kaloku, sakuba siyifumene iSipro, sayishiya ngasekhohlo, saya ngomkhombe kwelaseSiriya, sehla eTire; kuba umkhombe uza kuwuthula khona apho umthwalo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Sayithi ntlaa, sayishiya ngasekhohlo iSipro, sijonge eSiriya. Sehla enqanaweni eTire. Kaloku kwakulapho yayiza kothulwa khona umthwalo.