Acts 21:33 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yandula yasondela inkosiwaka yambamba, yaxela ukuba anxitywe ngemixokelelwane emibini; yaza yabuza ukuba angaba ngubanina, nokuba yinto nina ayenzileyo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Waza wasondela umthetheli-waka, wambamba, wathi makakhonkxwe ngemixokelelwane emibini; wayebuza ukuba angaba ungubani na, nokuthi wenze ntoni na.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Waza wasondela umthetheli-waka, wambamba, wathi makakhonkxwe ngemixokelelwane emibini; wayebuza ukuba ungubani na, nokuba wenze ntoni na.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ingqwayi-ngqwayi yaya kuPawulos, yambamba, yayalela nokuba akhonkxwe ngamatyathanga amabini. Yaza ke yabuza isithi: “Ngubani lo mntu? Wenze ntoni?”