Acts 21:34 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa abanye bebememeza ngento etile, nabanye ngento yimbi, pakati kwesihlwele: yaza yakukohlwa kuyazi inyaniso yendawo ngenxa yesipitipiti, yaxela ukuba asiwe elalini yamasodati.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Abanye ke phakathi kwesihlwele babhomboloza enye into, abanye enye. Akuba engenako ke ukuyazi inyaniso ngenxa yesiphithiphithi, wathi makasiwe enqabeni yomkhosi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Abanye abantu benkqangaza enye into, abanye yimbi. Akuba engenako ke ukuyazi inyaniso ngenxa yesiphithiphithi eso, wathi makasiwe enqabeni yomkhosi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Loo ndimbane yaphendula, abanye bethetha le, abanye bethetha leya. Kwakuphithizela kangangokuba ingqwayi-ngqwayi ayizange ikuqonde ncam okwakwenzekile, yaza ke yayalela ukuba uPawulos asiwe enqabeni yamajoni.