Acts 21:39 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa wati u‐Paulusi: Mna ndingumntu ongum‐Juda, um‐Tarese, umhlali wesixeko esingesesingenaludumo sase‐Silisiya: ndiyakukunga ke, ndivumele ukuba nditete kubo abantu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Uthe ke yena uPawulos, Mna ndingumntu ongumYuda waseTarso, umntu okowabo lingumzi ongadume ngako welaseKiliki; ndiyakucela ke, ndivumele ndikhe ndithethe kubo abantu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Uthe ke yena uPawulos, Mna ndingumYuda waseTarso, umzi waseKiliki, ummi womzi ongadume ngako.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uphendule wathi uPawulos: “Mna ndingumJuda; ndazalelwa eTarso kwelaseKiliki. Ndingummi wedolophu ebalulekileyo. Ndivumele ndikhe ndibhekise ilizwi kwaba bantu.”