Acts 21:40 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku yakuba imvumele, u‐Paulusi, emi pezu kwezinyukelo, wakoba ngesandla ebantwini. Kwati kwakutwa cwaka kakulu, wateta kubo ngokuteta kwama‐Hebere, esiti:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke kaloku, akubon ukuba umvumele, wema uPawulos ematyeni okunyuka, wawangawangisa ngesandla kubo abantu. Kwakuthiwa cwaka kakhulu, wadanduluka ngentetho yesiHebhere, esithi:
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke kaloku, akubon’ ukuba umvumele, wema uPawulos ematyeni okunyuka, wawangawangisa ngesandla kubo abantu. Uthe ke, kwathi cwaka kakhulu, wathetha kubo ngesiHebhere, esithi,
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Yamvumela ingqwayi-ngqwayi, waza ke uPawulos emi ezitepsini wawangawangisa ngesandla ukuba bathi cwaka abantu, wadanduluka ngesiHebhere esithi: