Acts 21:5 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Sati okuya bekute ukuba sagqibela ukufeza ezontsuku, semka sahamba, besipelekelela bonke, kunye nabafazi nabantwana, kude kwangapandle kwesixeko; saza saguqa ngamadolo elunxwemeni, satandaza.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke kaloku sithe, xa sizigqibileyo iintsuku ezo, saphuma sahamba; besiphelekelela bonke, ndawonye nabafazi nabantwana, sada sangaphandle komzi; saguqa ngamadolo elunxwemeni, sathandaza.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke kaloku, xa sizigqibileyo iintsuku ezo, saphuma sahamba; basiphelekelela bonke, ndawonye nabafazi nabantwana, sada sangaphandle komzi; saguqa ngamadolo elunxwemeni, sathandaza.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kodwa lakufika ixesha lokumka, sayihamba indlela yethu. Basikhapha sada sangaphandle kwedolophu, bekunye nabafazi kwanabantwana babo. Saguqa elunxwemeni apho, sathandaza.