Acts 22:13 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
weza kum, wema kufupi, wati kum: Mzalwana Saulusi! yamkela ukubona kwako. Ndaza ndati kwa ngeloxeshana ndakangela ngakuye.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
weza kum, wema kufuphi, wathi kum, Sawule, mzalwana, buya ubone. Ndaza mna kwangelo lixa ndabheka phezulu kuye.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
weza kum, wema, wathi kum, Sawule, mzalwana, buya ubone. Ndaza ndajonga kuye kwangelo lixa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Yeza yafika yema ecaleni kwam, yathi: ‘Sawule, mfondini, buya ubone.’ Kanye ngaloo mzuzu avuleka amehlo am, ndaza ndabona.