Acts 22:29 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwandula kwa oko kwesuka kuye abo babeza kumṙoṙonya. Kanjako inkosiwaka nayo yoyika, yakuqonda ukuba ungum‐Roma, nangokuba ibimnxibile.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Basuka kuye kwaoko ngoko abo babeza kumncina; woyika ke nomthetheli-waka akuqonda ukuba ungumRoma, nangenxa yokuba ebembophile.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Basuka kuye kwaoko ngoko abo babeza kumncina; woyika ke nomthetheli-waka akuqonda ukuba ungumRoma, nangenxa yokuba ebembophile.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwangoko loo madoda ayeza kumncina uPawulos arhoxa, ingqwayi-ngqwayi yoyika yakuqonda ukuba uPawulos wayengummi ongumRoma, imkhonkxe ngamatyathanga nje.