Acts 22:30 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yati ngomnye umhla, ifuna ukuyazi inyaniso yendawo, ukuba uyanikwa ityala ngama‐Juda nganina, yamkulula izinxibo, yaxela ukuba mabeze abaperisite abakulu nayo yonke intlanganiso yamapakati yawo; yaza imhlisile u‐Paulusi yammisa pakati kwabo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke kaloku ngengomso, enga angayazi inyaniso yento amangalelwe ngayo ngamaYuda, wamkhulula ezintanjeni, wathi, mabeze ababingeleli abakhulu, nayo yonke intlanganiso yabo yamatyala; waza wamhlisa uPawulos, wammisa phakathi kwabo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke kaloku ngengomso, enga angayazi inyaniso yento amangalelwe ngayo ngamaYuda, wamkhulula ezintanjeni, wathi, mabeze ababingeleli abakhulu, nayo yonke intlanganiso yabo yamatyala; waza wamhlisa uPawulos, wammisa phambi kwabo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ingqwayi-ngqwayi yafuna ukuqiniseka ngetyala awayemmangalela ngalo amaJuda uPawulos. Ithe ke ngengomso makakhululwe amatyathanga uPawulos, kubizwe ababingeleli abaziintloko kunye *neBhunga xa lilonke. Yaza ke yeza kummisa phambi kwentlanganiso uPawulos.