Acts 22:5 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
njengokuba nomperisite omkulu endinqi̔nela, nayo yonke intlanganiso yabadala; endandisamkela kubo nencwadi ziba̔l elwe abazalwana, ndahambela e‐Damakusi, ukuya kuzisa nabo abebekona benxityiwe e‐Yerusaleme, ukuze babetwe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
njengokuba nombingeleli omkhulu endingqinela, nayo yonke intlanganiso yamadoda amakhulu; endamkela kubo iincwadi zokuya kubazalwana, ndahambela eDamasko, ndiya kuzisa nababekhona bebotshiwe eYerusalem, ukuze babethwe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
njengokuba nombingeleli omkhulu endingqinela, nayo yonke intlanganiso yamadoda amakhulu; endamkela kubo iincwadi zokuya kubazalwana, ndaya eDamasko, ndiya kuzisa ababekhona bebotshiwe eYerusalem, ukuze babethwe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Umbingeleli omkhulu *neBhunga xa lilonke bangangqina ukuba ndithetha inyaniso xa nditshoyo. Ndandithatha iincwadi kubo, zibhalelwe amaJuda aseDamasko, ndize mna ndihambe ndiye kubamba abantu, ndibabuyise bekhonkxiwe, ndibazise eJerusalem, ukuze bohlwaywe.”