Acts 23:1 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Paulusi, ete nama amehlo entlanganisweni, wati: Madoda, bazalwana! mna ukuzipata kwam ndikwenzile pambi kwotixo ngako konke ukuzazela okulungileyo kwada kwayiyo lemini.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Waqwalasela ke uPawulos entlanganisweni yamatyala, wathi, Madoda, bazalwana, mna ndahlala ngokwalowo ungowakwaThixo, ndinesazela esilungileyo, kwada kwayile mini.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Waqwalasela ke uPawulos entlanganisweni yamatyala, wathi, Madoda, bazalwana, mna ndahlala ngokwalowo ungowakwaThixo, ndinesazela esilungileyo, kwada kwayile mini.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UPawulos wawajonga ntsho amalungu eBhunga, wathi: “Mawethu, kude kuze kuba yile mininje andinasazela nganto ngobomi bam bonke phambi koThixo.”