Acts 23:10 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwati kwakubako ungxolisano olukulu, inkosiwaka isoyika ukuba ngabi u‐Paulusi woqwengwa ngabo, yaxela ukuba umkosi uhle umhlasele kwa pakati kwabo, umngenise elalini yamasodati.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuthe ke, yakuba nkulu impambano, wathi umthetheli-waka, esoyikela ukuba uPawulos angaqwengwa ngabo, wathi mawuhle umkhosi, umxwile phakathi kwabo, umzise enqabeni yawo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuthe ke, yakuba nkulu impambano, wathi umthetheli-waka esoyikela ukuba uPawulos angaqwengwa ngabo, wathi mawuhle umkhosi, umxwile phakathi kwabo, umzise enqabeni yawo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ingxoxo leyo yakhula kangangokuba ingqwayi-ngqwayi yaba sexhaleni lokuba uPawulos bosuka bamthi qwenge-qwenge. Ngoko ke yayalela ukuba amajoni amthathe uPawulos apho entlanganisweni, aye naye enqabeni yomkhosi.