Acts 23:21 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wena ngoko ungateleli kuwo: ngokuba kulalela yena kuwo, amadoda angapezu kwamashumi mane, azibambisileyo ngesiqalekiso ukuba akayi kutya, akayi kusela kanjalo, ade ambulale u‐Paulusi: nakaloku alungile, elinda isitembiso kuwe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke wena uze ungoyisakali ngawo; kuba kuwo apho ulalelwe ngamadoda angaphezu kwamashumi amane, azibophileyo ngeziqalekiso, ukuba angadli angaseli ade ambulale; nangoku aselelungile, elinde idinga elivela kuwe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke wena uze ungabayekeleli; kuba bamlalele kubo phezu kwawo amadoda angaphezu kwamashumi omane, awabophe ngesifungo ukuba akayi kudla, akayi kusela, ade ambulale; ukanti sewulungile, ukhangele; ngenxa yedinga elivela kuwe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kodwa uze ungavumi ukuyiva loo nto, ngoba kukho amadoda angaphezu kwamashumi amane alalele uPawulos endleleni. Afungile ukuba akayi kutya, engayi kusela, ade ambulale. Nangoku selelungile, elindele ukuba uvume.”