Acts 23:3 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula u‐Paulusi wati kuye: Utixo uza kubeta wena, ludonga oluqatyiweyo ngobumhlope! uti wena uhlale na undigweba ngokwomteto, uze ugqita emtetweni uxele ukuba ndibetwe?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Waza wathi uPawulos kuye, Uza kukubetha uThixo, ludongandini luqatyiweyo. Wena uthi uhlalele ukuba uthethe ityala lam ngokomthetho, ubuye waphule umthetho, uthi mandibethwe?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uPawulos kuye, Uza kukubetha uThixo, ludongandini luqatyiweyo;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Waphendula uPawulos wathi: “UThixo uya kukubetha, ludongandini luvetiweyo; uchophele ukundigweba ngokomthetho, kodwa kwawena uyawaphula umthetho, uthi mandibethwe!”