Acts 23:30 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwati kwakuxelwa kum ukuba bekusenziwa ingcebo ngakuyo lendoda ngama‐Juda, ndasuka ndatuma kuwe, ndiyalele nabamnika ityala ukuba batete izinto abanazo ngakuye pambi kwako. Hlala kuhle.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke kaloku, kwakubon ukuba ndilihletyelwe iyelenqe ebeliza kwenziwa ngayo le ndoda ngamaYuda, ndithumele kuwe kwangelo lixa, ndathi nakubamangaleli bayo, mabazithethe kuwe iindawo abanazo ngakuyo. Hlala kakuhle.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke kaloku, kwakubon’ ukuba ndilihletyelwe iyelenqe ebeliza kwenziwa ngayo le ndoda ngamaYuda, ndithumele kuwe kwangelo lixa, ndathi nakubamangaleli bayo, mabazithethe kuwe iindawo abanazo ngakuyo. Sala kakuhle.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndithe ke ndakuva ukuba kukho amaJuda azungula ukuyibulala, ndagqiba ukuba ndiyithumele kuwe. Abamangali nabo ndibaxelele ukuba beze kuyimangalela kuwe.”