Acts 23:6 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa akunakana u‐Paulusi ukuba esinye isahlulo sisesabasadusi, nesinye sesabafarisi, wadanduluka entlanganisweni, esiti: Madoda, bazalwana! mna ndingumfarisi, unyana womfarisi; kungenxa yetemba novuko lwabafileyo endimenywayo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke kaloku uPawulos, esazi ukuba elinye icala lelabaSadusi, elinye ke lelabaFarisi, wadanduluka entlanganisweni yamatyala esithi, Madoda, bazalwana, mna ndingumFarisi, ndingowomFarisi;ndimangalelwe mna ngalo ithemba nangovuko lwabafileyo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke kaloku uPawulos, esazi ukuba elinye icala lelabaSadusi, elinye ke lingabaFarisi, wadanduluka entlanganisweni yamatyala, wathi, Madoda, bazalwana, mna ndingumFarisi, unyana womFarisi; umbuzo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Akuqonda uPawulos ukuba kweli qela kukho *abaSadusi kwakunye *nabaFarasi, wabhekisa eBhungeni apho, wathi: “Mawethu, mna ndingumFarasi ongunyana womFarasi. Ndisematyaleni nje kungenxa yokuba ndinethemba lokuba abafileyo baya kuvuka.”