Acts 23:9 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaza kwabako ingxolo enkulu; bati ababa̔li besahlulo sabafarisi besuka, bapika, besiti: Asifumani nto ekohlakeleyo kulomntu; kodwa ukuba kutete umoya kuye, umhlaumbi ingelosi, masingalwi notixo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwabakho ke unkqangazo olukhulu; besuka ababhali becala labaFarisi balwa kakhulu, besithi, Asifumani nanye into embi kulo mntu; ke ukuba kuthethe umoya kuye, nokuba sisithunywa sezulu, masingalwi noThixo thina.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwabakho ke unkqangazo olukhulu; besuka ababhali becala labaFarisi balwa kakhulu, besithi, Asifumani nanye into embi kulo mntu; ke ukuba kuthethe kuye umoya, nokuba sisithunywa sezulu, masingalwi noThixo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwathi ke kwakuba njalo, kwaxokozela, abanye babachazi-mthetho beqela labaFarasi baphakama bekhalaza besithi: “Thina asifumani nto ingalunganga kule ndoda! Mhlawumbi ngenene umoya othile okanye isithunywa sezulu sithethile nayo.”