Acts 24:14 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa oku ndiyakuxela kuwe, ukuba ngokwendlela abati bona lulwahlukano, kwa ngokunjalo ndiyamkonza utixo wobawo bam, ndikolwa zizinto zonke eziba̔liweyo emtetweni nakubaprofite;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke ndiyakuvuma oku kuwe, ukuba ngeNdlela abathi bona sisiphambusa, ndenjenjalo ukumkhonza uThixo wakowethu, ndikholwa zizinto zonke ezibhaliweyo emthethweni nasebaprofetini;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke ndiyakuvuma oku kuwe, ukuba ngeNdlela abathi bona sisiphambusa, ndenjenjalo ukumnqula uThixo woobawo, ndikholwa zizinto zonke ezibhaliweyo emthethweni nasebaprofetini;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Le yona into ndiyayivuma: Ndikhonza uThixo wookhokho bethu ngokulandela iNdlela le athi wona ayikho mgaqweni. Ndikholwa zizo zonke izinto ezibhaliweyo encwadini *yomthetho kaMosis nasezincwadini *zabashumayeli.