Acts 24:25 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Naxeshekweni ebeteta ngabo ubulungisa, nobunca̔tu, nokugwetywa okuza kubako, wanokwoyika u‐Felitse, wati ukupendula: Hamba okwakaloku nje; nxa ke ixesha elifanelekileyo ndilizuzileyo, ndokubiza uze kum.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Akubon ukuba ke uthetha ngobulungisa, nokuzeyisa, nangogwebo oluza kubakho, wangenwa kukoyika uFelikis, waphendula wathi, Hamba okwakalokunje: ke ndakuzuza ithuba, ndokubiza uze.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ethetha ngobulungisa, nokuzeyisa, nangogwebo oluza kubakho, wangenwa kukoyika uFelikis, waphendula wathi, Hamba okwakalokunje; ndakuba ndinethuba, ndokubiza uze.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kodwa wahambisa uPawulos echaza ngokuziphatha kakuhle, ukuzeyisa, nangomhla womgwebo, uFelekis watsho woyika wathi: “Ungakhe umke ngoku; ndiya kuphinda ndikubize xa ndinethuba.”