Acts 24:27 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa kwakuzaliseka iminyaka yamibini, walandelwa u‐Felitse ebukosini ngu‐Porokiyo Festusi: waza u‐Felitse, efuna ukuzizuzela imibulelo yama‐Juda, wamshiya u‐Paulusi enxityiwe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke kaloku, kwakubon ukuba kudlule iminyaka emibini, uFelikis wakhululana noPorkiyo Festo; kanjalo wathi uFelikis, efuna ukuzithandisa kumaYuda, wamshiya uPawulos ekhonkxiwe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke kaloku, kwakubon’ ukuba kudlule iminyaka emibini, kwangena uFelikis uPorkiyo Festo;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Emva kweminyaka emibini uPorkiyo Festo waba yirhuluneli endaweni kaFelekis. Ngenxa yokuba uFelekis wayefuna ukuzenza mhle kumaJuda, wamshiya entolongweni apho uPawulos.