Acts 25:1 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
WANDULA u‐Festusi akuba engene elizwaneni lake, wati emveni kwemihla mitatu wenyuka e‐Kesareya waya e‐Yerusaleme.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Uthe ngoko uFesto, akuba engene eburhulumenteni, wathi emva kwemihla emithathu, wenyuka waya eYerusalem, esuka eKesareya.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Uthe ngoko uFesto, akuba engene eburhulumenteni, wathi emva kweentsuku ezintathu, wenyuka waya eYerusalem, esuka eKesareya.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Akuba ntsuku-ntathu efikile kwelo phondo uFesto, wesuka eKhesariya, wahambela eJerusalem.