Acts 25:11 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba mna ukuba ndiyenza ngokungalungileyo, nokuba ndenze into efanele ukufa, andizilanduleli ukuba ndingafi; kodwa ukuba akuko nanye yezozinto aba bandinika ityala ngazo, akuko mntu ongandinikelayo kubo. Ndiyamangala ku‐Kesare.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba okunene ukuba ndonile, ndenza into elingene ukufa, andali kufa; kodwa ukuba akukho nanye yezo zinto bandimangalela ngazo aba, akukho namnye unako ukundinikela kubo. Ndibhenele kuKesare.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke ukuba ndonile, nokuba ndenze into elingene ukufa, andali ukufa; kodwa ukuba akukho nanye yezo zinto bandimangalela ngazo aba, akukho namnye unako ukundinikela kubo. Ndibhenela kuKesare.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke ukuba umthetho ndiwaphule ndona kangangokuba ndimelwe kukugwetyelwa ukufa, andinqweneli kuyibaleka nayo loo ndawo. Kodwa ke ukuba azinabunyaniso izityholo endibekwa zona, akukho bani unokundinikezela kumaJuda. Ndibhenela kuKhesare.”