Acts 25:16 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
endati kubo ukupendula: Asi lisiko kuma‐Roma ukunikela umntu ekububeni, engekati lowo unikwa ityala abe nokubonana nabo bamnikayo ityala, aze azuze ituba lokuzitetelela ngento abekelwa ityala ngayo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Endathi ukubaphendula, Asilosiko lamaRoma ukubabala ngomntu abulawe, phambi kokuba lowo umangalelweyo akhangelane nabamangaleli bakhe, azuze nethuba lokuziphendulela ngalo ityala lakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Endathi kubo, Asilosiko lamaRoma ukumnikela umntu ekufeni, ngaphambi kokuba lowo umangalelweyo ajongane nabamangaleli, aze afumane ithuba lokuziphendulela ngalo ityala analo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kodwa ndabaxelela ukuba inkqubo yamaRoma ayivumi ukuba umntu agwetywe engakhange ajongane nabamangaleli bakhe aziphendulele.