Acts 25:23 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwandula kwati ngomnye umhla, nxa afikileyo u‐Agiripa no‐Berenike ngenkazimlo enkulu, nanxa bangenileyo endlwini yokupulapulela, kunye nenkosiwaka namadoda amakulu asesixekweni, kwaziswa u‐Paulusi ngokuxela kuka‐Festusi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Uthe ke akufika ngengomso uAgripa enoBhernike, benendili enkulu, bengene nasendaweni yokuphulaphulela amatyala, benabathetheli-waka namadoda amakhulu omzi, waziswa uPawulos ngezwi likaFesto.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwathi ngengomso, akufika uAgripa enoBhernike, benobukhazikhazikhazi obukhulu, bangene kwindawo yetyala, benabathetheli-waka namadoda amakhulu omzi, waziswa uPawulos ngokomlomo kaFesto.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngengomso uAgripa noBhernike bangena bewongekile apho enkundleni, benabaphathi-mkhosi namadoda aphambili apho edolophini. UFesto wathi makubizwe uPawulos, waza ke wangeniswa.