Acts 25:24 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wati u‐Festusi: Kumkani Agiripa, nani nonke madoda akoyo nati! niyabona lo mntu, ote wonke umhlambi wama‐Juda wanditandaza ngaye, nase‐Yerusaleme nalapa, edanduluka ukuti ange engabi esadla ubomi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uFesto, Agripa kumkani, nani nonke madoda akhoyo nathi, niyambona lo mntu, ethe yonke inkitha yamaYuda yasingisa kum ngaye, naseYerusalem nalapha, ibhomboloza kakhulu isithi, akasafanele kudla ubomi;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi ke uFesto, Agripa, kumkani, nani nonke madoda akhoyo apha kunye nathi, niyayibona le ndoda, ethe yonke inkitha yamaYuda yandenzela yona naseYerusalem nalapha, ibhomboloza isithi, akafanele kuphila, hayi kwaphela.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UFesto wathetha wathi: “Kumkani Agripa, nani nonke nina nikhoyo apha, le ndoda niyibona apha ikhalazelwa ngawo onke amaJuda, apha naseJerusalem. Athi ayisafanelanga kudla bomi.