Acts 25:4 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kuloko wapendula u‐Festusi, ukuba u‐Paulusi usekugcinweni e‐Kesareya, nokuba yena ngokwake uza kumka kamsinya ukuya kona.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Waphendula ke ngoko uFesto, wathi, ugcinwe eKesareya uPawulos; naye ke ngokwakhe uza kuya kamsinya.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Waphendula ke uFesto wathi, ugcinwe eKesareya uPawulos; naye ke ngokwakhe uza kuya kamsinya.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wathi uFesto kubo: “UPawulos uselugcinweni entolongweni eKhesariya. Ndibe nam ngokwam ndiza kuya khona kwakamsinyane.