Acts 25:9 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa u‐Festusi, efuna ukuzizuzela imbuko yama‐Juda, wapendula u‐Paulusi, wati: Uyavuma na ukunyukela e‐Yerusaleme, ukuba ubuzwe kona ngezizinto pambi kwam?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke uFesto, efuna ukuzithandisa kumaYuda, umphendule uPawulos wathi, Uyathanda na ukunyuka uye eYerusalem, lithethwe khona ityala lezi zinto phambi kwam?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke uFesto, ethanda ukukholisa amaYuda, wamphendula uPawulos wathi, Uyafuna na ukunyuka uye eYerusalem, lithethwe khona ityala lezi zinto phambi kwam?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ezama ukuzenza mhle kumaJuda, uFesto wathi kuPawulos: “Ungathanda ukuya eJerusalem ukuze ndilichophele khona ityala lakho ngezi zityholo?”