Acts 26:10 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
endite oko kanjako ndakwenza e‐Yerusaleme; ewe abaninzi bakubo abangcwele ndabavalela ezintolongweni, ndilamkele igunya kubaperisite abakulu; naxeshekweni bebebulawa, ndanika ilizwi lam ngakubo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Endakwenzayo ke oko eYerusalem; nento eninzi yabangcwele ndayitshixela ezintolongweni, ndakuba ndamkele igunya kubabingeleli abakhulu; ndaza, bakuba besikwa, ndavuma.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Endakwenzayo ke oko eYerusalem; nento eninzi yabangcwele ndayitshixela ezintolongweni, ndakuba ndamkele igunya kubabingeleli abakhulu; kwaye xa bebulawa, ndakhupha ilizwi lam ngokuchasene nabo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndandisenza loo nto kanye eJerusalem. Ndandigunyaziswa ngababingeleli abaziintloko ukuba ndivalele entolongweni abantu bakaThixo abaninzi. Kwakusithi xa begwetyelwa ukufa, nam ndihambisane neso sigqibo.