Acts 26:2 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndiba ndinetamsanqa, kumkani Agiripa! ukuba ndiya kuzipendulela pambi kwako namhla, ngenxa yezinto zonke endinikwa ityala ngazo ngama‐Juda:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndiva kamnandi, kumkani Agripa, ndiza kuziphendulela nje phambi kwakho namhla, ngazo zonke izinto endimangalelwa ngazo ngamaYuda;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndiba onoyolo, kumkani Agripa, ngokuba ndiza kuziphendulela namhlanje phambi kwakho, ngazo zonke iindawo endimangalelwe ngazo ngamaYuda;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Kumkani Agripa, ndinenyhweba ukuba ndibe ndiza kuziphendulela phambi kwakho namhlanje, kuzo zonke ezi ndawo ndityholwa ngazo ngamaJuda;