Acts 26:22 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako ndizuzile usizo kutixo nje, ndisemi kwada kwayimini le, ndinqi̔na nakuye omncinane nakuye omkulu, ndingateti nanye into ngapandle kwezo ababete nabaprofite no‐Mosesi ziya kubako;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngoko ndizuze uncedo kuThixo nje, ndimisile kude kube yile mini, ndingqina komncinane nakomkhulu, ndingathethi nanye into ngaphandle kwezo, bathi abaprofeti noMoses ziza kubakho;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngoko ndizuze uncedo kuThixo nje, ndihleli kwada kwayile mini, ndingqina kwabancinane kwanabakhulu, ndingathethi nanye into ngaphandle kwezo, bathi abaprofeti noMoses ziya kubakho;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kodwa kude kwayile mini uThixo endinceda; nangoku ndimi apha ndingqina kubo bonke, abaphakamileyo nabaphantsi ngokufanayo. Le nto ndiyithethayo ikwayiloo nto bayithethayo *abashumayeli bamandulo kwakunye noMosis,