Acts 26:29 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wati u‐Paulusi: Ngendinqwena kutixo, ukuba, nangokupantsi nangokukanye, kungabi nguwe wedwa, kube ngabo bonke abandivayo namhla, babe benjalo njengokuba ndinjalo nam, kupela izinxibo ezi zingabiko.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi ke uPawulos, Ndithandaza kuThixo, ukuba ingabi nguwe wedwa, ibe ngabo bonke abandivayo namhlanje, abaya kuthi, nangokuncinane nangokukhulu, babe njengam nje, ngaphandle kwezi ntambo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uPawulos, Ndithandaza kuThixo, ukuba ingabi nguwe wedwa, ibe ngabo bonke abandivayo namhlanje, abaya kuthi, nangokuncinane nangokukhulu, babe njengam nje, ngaphandle kwezi ntambo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UPawulos waphendula wathi: “Nokuba kukwangoku, nokuba kukade, ngumthandazo wam ukuba ingabi nguwe wedwa, kodwa ibe ngabo bonke abandiphulaphuleyo namhlanje, babe njengam; kodwa ke noko bona bangakhonkxwa.”