Acts 27:21 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku emveni kwokuba bekuzilwa kade ukutya, wandula wema u‐Paulusi pakati kwabo, wati: Madoda! nibe nifanele ukuba napulapula kum, ningandulukanga e‐Kirete, naza nasinda esisenzakalo nesilahleko.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Emva kokuzila ukudla ixesha elide, wesuka wema uPawulos phakathi kwabo, wathi, Hina madoda, ninge naniphulaphule kum, ananduluka eKrete, nizuzane nale nkxwaleko noku konakala.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Emva kokuzila ukudla ixesha elide, wesuka wema uPawulos phakathi kwabo, wathi, Hina madoda, ninge naniphulaphule kum, ananduluka eKrete, nizuzane nale nkxwaleko noku konakala.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Emva kwexesha elide amadoda lawo engatyi, waphakama uPawulos wathi: “Madoda, ukuba nanindivile asemka eKrete, ngesiwuphephile wonke lo monakalo nale lahleko ingaka.