Acts 27:39 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku okuya bekusile, babengawazi umhlaba; kodwa babenakana icw̔etyana elitile linalo unxweme, abanxamela ukuti, ukuba kungenzeka, bayitya̔lele kulo inqanawa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwakusa ke, abawazanga loo mhlaba; ke babona ichwetyana elithile linonxweme, babhunga ukuwutyhalela kulo umkhombe, ukuba bangaba nako.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwakuba sekusile, abawazanga loo mhlaba, kodwa babona ichwetyana elithile linonxweme, babhunga ukuwutyhalela kulo umkhombe, ukuba bangaba nako.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwakuba kusile oomatiloshe babona unxweme abangalunakananga kakuhle, kodwa baqaphela indawo enentlabathi, baza bazimisela ukuya kuyimisa khona inqanawa xa benako.