Acts 27:40 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bati bezipunyule iyankore, baziyekela elwandle, bezitukulule imbopelelo zemiti yokukapa kanjako; baza bapakamisa iseli enkulu ngasemoyeni, basingisa elunxwemeni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Baza, bezinqumla zonke iiankile, baziyekela elwandle, bezikhulule kunye nezibophelelo zemithi yokujika; bayitwabulula iseyilana ngasemoyeni, babhekisa elunxwemeni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Baza, bezinqumla zonke iiankile, baziyekela elwandle, bezikhulule kunye nezibophelelo zemithi yokujika;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke bazinqumla iiankile, zasala elwandle, kwangelo xesha linye bazikhulula neentsontela ezazibambe amaphini okugwedla. Bayiphakamisa iseyile ekumphambili wenqanawa, ukuze umoya uyiqhubele phambili elunxwemeni inqanawa.