Acts 27:41 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa bewele endaweni apo kuhlanganayo ilwandle zimbini, bayinyanzelela kona inqanawa; waza umpambili wati nqi, wahlala ungenakushukuma, kodwa umva ubuqekezwa ngamandla amaza.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bakuba ke begaxeleke endaweni enolwandle ngeenxa zombini, wangqubeka khona umkhombe; umphambili wagxumekeka khona, wahlala awashukuma; ke sona isinqe saqhekeka ngamandla amaza.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bakuba ke begaxeleke endaweni enolwandle ngeenxa zombini, wangqubeka khona umkhombe; umphambili wabambelela ngokuqinileyo, wahlala engenakushukunyiswa;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kodwa inqanawa yasuka yabaleka yaya kungena endulini yesanti ephantsi kwamanzi; umphambili wenqanawa wagxumekeka apho waxinga awashukuma, isinqe senqanawa sona santlithwa saziingceba ngamaza alwayo.