Acts 27:43 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa inkosikulu ifuna ukunga ingamlondoloza u‐Paulusi, yawanqanda eqingeni lawo, yaxela ukuba abo bakwaziyo ukuhlamba baziwise tanci, bapumele emhlabeni;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kodwa umthetheli-khulu, enga angamsindisa uPawulos, wawalela kwicebo lawo; kananjalo wathi, abo banako ukudada mabaziphose kuqala baphumele emhlabeni;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kodwa umthetheli-khulu, enga angamsindisa uPawulos, wawalela kwinjongo yawo; Wathi abo banako ukudada, mabaziphose kuqala elwandle, bafike emhlabeni;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kodwa umphathi wawo, efuna ukusindisa uPawulos, wawanqanda. Endaweni yaloo nto wathi amadoda akwaziyo ukudada makangene emanzini, adadele elunxwemeni;