Acts 27:44 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
nokuba abanye baye inxenye pezu kwazo iplanke, nenxenye pezu kwezinto ezitile zivela enqanaweni. Kwaza kwati ngokunjalo, bafika bonke emhlabeni besindile.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
bathi abaseleyo, inxenye ikhwele eziplangeni, inxenye ikhwele kwezinye izinto zomkhombe. Kwaza kwathi ngokunjalo bafika emhlabeni, basinda bonke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Abaseleyo ke, inxenye ikhwele eziplangeni, inxenye iphezu kwamaqhekeza omkhombe. Kwaye kwenzeka ukuba basinda bonke bekhuselekile emhlabeni.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
baze abaseleyo balandele, bedada ngamaplanga, nangezinye izinto ababenokuzifumana. Xa sisonke ke sasinda ngaloo ndlela, saya kufika elunxwemeni singenawo nomkrwelo.