Acts 27:7 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Sati sakuba sibe sihamba kuhle ukuselisha imihla yamininzi, cebetshu sikohliwe kukufika malungana ne‐Kenido, umoya ungasivumeli nje, saselisha ngapantsi kwe‐Kirete malungana ne‐Salimoni;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke kaloku iintsuku zanela sihamba kancinane, kwaba ngenkankulu ukuba sifike ngaseKinido. Uthe wakuba umoya ungasivumeli ukuba sisondele, sabetha ezantsi kweKrete ngaseSalimone.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke kaloku iintsuku zanela sihamba kancinane, kwaba ngenkankulu ukuba sifike ngaseKinido. Uthe wakuba umoya ungasivumeli ukuba sihambe, sabetha ezantsi kweKrete ngaseSalimone.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Sahamba iintsuku icotha inqanawa, sada emva kokuhamba nzima kakhulu, saya kufika ngakwidolophu iKinido. Umoya awusivumelanga ukuba sihambe ngqo ngaloo ndlela, saza ke sehla ngecala elingenamoya elikumzantsi weKrete, saya kudlula ngaseSalimone.