Acts 27:9 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku nxa ixesha elikulu belidlulile, nanxa ukuselisha kube kuse kunengozi, ngenxa yokuba inzilo ibisel’ igqitile, u‐Paulusi wa ba yala,
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Lithe ke lakudlula ixesha elaneleyo, nokuhamba ngomkhombe kunengozi, ngenxa yokuba nozilo beluse ludlule, uPawulos wamana ebaluleka,
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke kaloku, kwakubon’ ukuba ixesha laligqithile, nakubon’ ukuba kuseyingozi ukuhamba ngomkhombe, ekubeni kaloku ukuzila kwase kusele kudlule, wabayala uPawulos,
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Sahlala ixesha elide apho, kwada kwacaca ukuba koba yingozi ukuqhubela phambili ihambo yethu, kuba kwakusekudlule nomhla wamaJuda wozilo ekwindla. Ke ngoko uPawulos wenza esi silumkiso: