Acts 28:13 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Sisuka apo sazekelela seza kufika e‐Regiyo; wati emveni kwosuku lunye wavuka umoya wasesuyide, saza ngowesibini umhla safika e‐Puteyoli;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Sisuka khona, sajikeleza safika eRegiyo; emva kosuku olunye, kwakubon ukuba umoya wasezantsi uvukile, safika ngowesibini umhla ePotiyoli;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Sisuka khona sajikeleza, safika eRegiyo; kwakuba ntsuku mnye, kwavuthuza umoya wasezantsi, safika ngengomso ePotiyoli;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukusuka apho sahamba saya kufika edolophini yaseRegiyo. Ngengomso kwabhudla umoya wangasezantsi, saza emva kweentsuku ezimbini saya kufika kwidolophu yasePutoli.