Acts 28:14 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
apo safumana kona abazalwana, sabongozwa ukuba silibale kubo imihla ibe sixe̔nxe: saya njalo ke ukuya e‐Roma.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
safumana abazalwana apho, basibongoza ukuba sihlale nabo iintsuku zibe sixhenxe; seza ngokunjalo eRoma.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Safumana abazalwana apho, basibongoza ukuba sihlale nabo iintsuku zibe sixhenxe; seza ngokunjalo eRoma.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Apho ke safumana amakholwa, aza asicela ukuba sichithe iveki apho kuwo. Emva koko ke saya kufika eRoma.