Acts 28:15 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Baza abazalwana bakuva okwetu bapuma kona, beza kusikaulela kwada kwase‐Apiyoforume, nase‐Tavene‐ntatu; owati u‐Paulusi akubabona, wabulela kutixo, wazuza ukwomelela.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bathi abazalwana, bakusiva, baphuma khona apho, beza kusihlangabeza, bada beza eApiyoforo, naseTritabherne; athe uPawulos, akubabona, wabulela kuThixo, womelezeka.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bathe, bakukuva oko abazalwana, beza kusikhawulela, bada beza kufika kwintlanganiso ka-Apiyo naseTavene-Ntathu; awathi uPawulos, akubabona, wambulela uThixo, womelela.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Amakholwa aseRoma eva ukuba siyeza, aza amanye asihlangabeza eApiyaforo, amanye ke adibana nathi eTritabherne. Akuwabona uPawulos, wambulela uThixo, waza wakhuthazeka.