Acts 28:16 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku okuya sasifikile e‐Roma, yati inkosikulu yanikela ababanjwa kwinkosi yomkosi wakwomkulu: kodwa kwavunyelwa u‐Paulusi ukuba ahlale yedwa, kunye nesodati elimgcinayo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke kaloku, xeshikweni sifikileyo eRoma, umthetheli-khulu wabanikela ababanjwa kumthetheli-mkhosi; ke yena uPawulos wavunyelwa ukuba ahlale yedwa, nesoldati elimgcinayo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke kaloku, sakufika eRoma, umthetheli-khulu wabanikela ababanjwa kumthetheli-mkhosi, kodwa uPawulos wavunyelwa ukuba ahlale yedwa, nesoldati elimgcinayo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Sakufika eRoma, wavunyelwa ukuba azihlalele endlwini yakhe uPawulos, kubekho ijoni elimgadileyo.