Acts 28:17 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
KWAYE kute emveni kwemihla mitatu, u‐Paulusi wababizela ndawonye kuye abakulu bakuma‐Juda. Nxa ke bebebutene, wabesiti kubo: Madoda, bazalwana! nakuba ndingenzanga nto eca̔sene nabantu namasiko obawo betu, ndanikelwa ndingumbanjwa e‐Yerusaleme ezandleni zama‐Roma.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi ke, emva kweentsuku ezintathu, uPawulos wabizela ndawonye abaziintloko bamaYuda; abathe bakubon ukuba ke babuthelene, wathi kubo, Madoda, bazalwana, mna ndithe, ndingenzanga nto ichasene nabantu namasiko akowethu, ndesuka eYerusalem ndingumbanjwa, ndanikelwa ezandleni zamaRoma.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke kaloku kwathi, emva kweentsuku ezintathu, uPawulos wababizela ndawonye abaziintloko bamaYuda, ababebuthelene, wathi kubo, Madoda, bazalwana, nakuba ndingenzanga nto ichasene nabantu, namasiko awobawo, noko ndesuka ndaba ngumbanjwa eYerusalem, ndanikelwa ezandleni zamaRoma.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Emva kweentsuku ezintathu, uPawulos wawabizela entlanganisweni amaJuda aziintloko alapho. Akuba ehlanganisene, wathi: “Mawethu, nakuba ndingabonanga nganto nje abantu bakowethu, ndingawatyeshelanga namasiko ookhokho, ndabanjwa kambe eJerusalem, ndaza ndanikelwa kumaRoma.