Acts 28:4 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Baza abemi bakona bakubona isilo eso silengalenga esandleni sake, bati omnye kwomnye: Okunene ungumbulali umntu lo, ote, nakuba esindile elwandle, impindezelo ayimvumelanga ukuba adle ubomi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Athe ke amabharbhari, akusibona isilo eso silengalenga esandleni sakhe, athetha odwa athi, Okwenene lo mntu ungumbulali; nakuba esindile elwandle, impindezelo ayivumi ukuba adle ubomi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Athe ke amabharbhari, akulibona irhamncwa lijinga esandleni sakhe, athi omnye komnye, Kanene lo mntu ungumbulali, nakuba esindile elwandle, impindezelo ayimvumeli ukuba adle ubomi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Abantu balapho bathi bakuyibona inyoka ijinga esandleni sikaPawulos bathi omnye komnye: “Lo mntu kucaca ukuba usisigebenga; nakuba esindile nje elwandle, akanakusinda kwimpindezelo kaThixo.”