Acts 28:6 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Koko bona bebekangela ukuba uya kuti adumbe, umhlaumbi awe pantsi ngesiqupe efile: kodwa bakuba bebekangela kade, bengaboni nto embi imhlela, bajika intliziyo, bati ungutixo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke bona babelinde ukuba uza kudumba, mhlawumbi athi qwaka, afe; bakulinda futhi ke, bakubona engahliwa nto imbi, bajika bathi unguthixo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke bona babelinde ukuba uza kudumba, mhlawumbi athi qwaka, afe. Bakulinda ke umzuzwana, bakubona ukuba akahliwa nto, bajika bathi unguthixo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Bona babelindele ukuba adumbe, okanye asuke afe. Kodwa emva kokulinda ithuba elide bengaboni nto ingaqhelekanga kuye, baziguqula iingcinga zabo, bathi unguthixo.