Acts 3:11 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku nxa isiqwala esasipilisiwe sibe sibambelela ku‐Petrosi no‐Johane, bonke abantu babalekela kubo kunye entendelezweni ebizwayo ngokutiwa yeka‐Solomone, besiti nqa kakulu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke kaloku, sakubon ukuba isiqhwala esiphilisiweyo sibabambe ngesandla ooPetros noYohane, bonke abantu babalekela kubo evarandeni ekuthiwa yekaSolomon, beqhiphuke umbilini kakubi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke kaloku, sakubon’ ukuba isisiqhwala sibambe ooPetros noYohane, abantu babalekela kubo evarandeni ekuthiwa yekaSolomon, bemangalisiwe kakhulu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Njengoko le ndoda yathi nca kuPetros noYohane, basuka abantu beza begxalathelana kubo bemangalisiwe evarandeni ekuthiwa yekaSolomon.