Acts 3:12 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Petrosi, akubona oko, wapendula ebantwini, wati: Madoda, bo‐Sirayeli! yinina ukuba nikutele nqa oku? kanjalo yinina ukuba nisijonge tina, njengokungati simenzile lo mntu ahambe ngawetu amandla nobubedesho?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Akukubona ke oko uPetros, waphendula wathi kubo abantu, Madoda, maSirayeli, yini na ukuba nimangaliswe yile nto?Kanjalo yini na ukuba nisijonge, ngathi simenze wahamba ngawethu amandla, nangokwethu ukuhlonela uThixo?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Akukubona ke oko uPetros, waphendula wathi kubo abantu, Madoda, maSirayeli, yini na ukuba nimangaliswe yile nto? Kanjalo yini na ukuba nisijonge, ngathi senze ukuba lo mntu ahambe ngawethu amandla, nangobungcwele bethu?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Akubabona abantu, uPetros wabhekisa kubo wathi: “MaSirayeli, kungani ukuba inimangalise le nto? Khona kutheni ukuba nisijonge ngathi wenziwe ngamandla ethu nangokwethu ukukholeka kuThixo ukuba ahambe lo mntu?