Acts 3:18 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa ezonto utixo wazishumayelayo pambili ngomlomo wabo bonke abaprofite bake, zokuba u‐Kristu eve intlungu, uzizalisekisile ngokunjalo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke uThixo, izinto awazixela ngenxa engaphambili ngomlomo wabo bonke abaprofeti bakhe, zokuba uKristu eve ubunzima, uzizalisile wenjenje.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke zona izinto uThixo, awazixelayo ngenxa engaphambili ngomlomo wabo bonke abaprofeti bakhe, ukuba uKristu wayeza kuva ubunzima, wenjenjalo ukuzalisekisa oko.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Loo nto ngoko uThixo wayazisayo ngabo bonke *abashumayeli, yokuba umelwe kukubandezeleka, uyizalisekisile.